20/06/2022
Umthakathi owaziwayo uGogo waseBhayi
Part Five (THE END)
Wabuya uphaya xa evula wabona umama wakhe ecile phantsi waleqa kuye wazama uk*mvusa etatazela angezi noba athini wambuza mama kutheni ngelizwi eloyikayo umama wakhe wakhonga iYoghurt ephezulu kwetafike xa eyibheka uKhaya sele ilihlaza ceke inevumba njeee elilodwa enuka kakubi nanguku kuvulwe ifestile, wamselisa amanzi, wabiza abantu belali abakufutshane omakhelwane, kwaqesha imoto wathathwa wasiwa esibhedlela, umama kaKhaya ukuya esibhedlela uhambe nomama kaBonga wasala uKhaya. UGogo waseBhayi khange azidine aze kuzova njengamakhelwane okufutshane. Kwelixesha imoto isa umama kaKhaya esibhedlela yena ukobe ngefesitile uhleka yedwa.
Yafika ilali wayiveza uKhaya iYoghurt watsho ukuba uyinikwe nguGogo waseBhayi, Emaxesheni kupha ku8:30 ebusuku sele elele uGogo waseBhayi, wayekwa yilali kwasa apha ekuseni abantu belali baqoqana baya eBhayi yafika icula ilali yaseMthimde kukubi futhi nyani waphuma uGogo waseBhayi waya kubo engenakwaxesha labo wafika wathi nithi kutheni nasabanifundekela ekuseni nididwe yinto eningayenza. Kukhona ubhuti ekuthiwa nguNtsika igama lakhe ukhohlakele nguye ophambili, kukwanguye ongamoyikiyo uGogo waseBhayi, kuGogo waseBhayi awuthethi noba yintoni kuye ucale ucinge xa uzothetha naye. UNtika wamxelela ebusweni ukuba nguye ondlise umama kaKhaya noLondiwe kuba into ebeyifake kwiYoghurt kusekwayiyo nalena yayifakwe kwisiselo sikaLondiwe. NoLondiwe wayethengelwe nguye isiselo esibandayo. Intoni khange abonakalise kwakothuka. Kuthe kusenjalo unyana kaGogo waseBhayi ulipolisa omnye, bonke onyana bakhe bayamthethelela bayamazi ukuba uyathakatha umama wabo kdwa bangakubulala xa ungathi uyathakatha umama wabo , kuthe kusenjalo kwafika loo nyana alipolisa waya ngqo kuNtsika lamxelela ukuba limnika imizuzu eyi 10 ahambe nabantu azogigca nabo kwabo laxelela ukuba angalithathi kancinci lingavele lithathe izithupha angaphinde afumane umsebenzi. UNtsika usebenza kwaCoca cola. Hayi wabona ukuba balwile wehlulakala ngoba ingathi ibisaziwa kuba k*mele andliswe umama kaKhaya.
Ngomso kuphuma isiphumo zaGrd 12 .Wahamba uKhaya wayo kubona umama wakge esibhedlela wafika esimitshinini engekathethi kdwa oNesi bethembisa kuba uzolulama, wabe engalili uKhaya kukubi engazi noba athini, ebambe isandla embuza ndithini na xa nditshiywa nanguwe ndosala nabani, ngomso iziphumo ziyaphuma, bendifuna upheke ukutya ok*mnandi sikhe sitye kubemnandi hayi kuba ulala apha, mama ndim odala ube kulemeko bek*mele ukuba ndiye ndayilahla ungade uyitye. Yhooo!!! Yaya kuye inesi yazama ukuthetha yamxelela ukuba akamelanfa azigxeke ngoku umama wakhe uzolulama yamnika ithemba. Wagoduka yathi izomxelela xa evukile yathatha inamba yakhe. Wagoduka uKhaya.
Wafika walala ekuseni zaphuma iziphumo upasile uKhaya. Yafika ekuseni inqununu izizele ngokwayo isimxelela ukuba uyofunda phesheya e England into ewayeyirhalela, kwaxelela iNqununu kuba akanqondi ukuba angakwazi kuba umama wakhe uyagula, ndiyazi ukba eli lithuba lam kdwa lifike ngexesha ekungelilo ezinye izinto azidalelwanga mna nelithuba noba aselolam ndomshiya nabani umama xa ndisiya kude kangaka. UTitshala wazama uk*mbonisa ukuba angalilahli elithuma mhlawumbi angazisola ekugqibeleni.
Emalanga uhleli weva ngefowuni ikhala kufowuna inesi yathi umama wakhe ufuna ukuthetha naye wambuza umama wakhe uhambe kangani, Yhooo!! Waqala phantsi walila futhi uKhaya mama ndipasile k*mele ndiya England ndiyofundela ubugqirha.....khange akwazi ukugqiba wambona umama wakhe ukuba wethukile ukhaya. Waphinda wafowunela Khaya mamela ndiphilile mna ngoku sucinga ngam ngoku cinga ngekusasa lakho kudala uthetha ngokuya kwamanye amazwe uyofunda khona mna ndiyakuvumela ukhe uya apho ungaziwayo uyoqala ubomi abutsha uyeva!! Sucinga ngam ngoku ndiphilile wamtsho labuya ithemba, Yiza kalok uzondibona ngomso.
Wavuka uKhaya waya kubona umama wakhe esibhedlela wafika ethetha kakade kdwa emana ephathwa sisisu kdwa wathi ugqirha angeke simyeke kuba ento wayityayo yinto enqabileyo abasayiphanda ukuba ingaba yintoni nah. Yikhemikhali ethile ebulalayo endiyiwayo ukuba wayeyithathaphi uGogo waseBhayi inqabile abafana noGogo waseBhayi.
Kwafika umalume kaKhaya ozalwa nomama kaKhaya ezobathatha beyohlala bonke kulo mama kaKhaya, Hayi ke bayahamba eMthimde, bathatha kwanto yabo batshaya bachitha eMthimde. Xa bethutha igqwirha elikhulu lihleli phandle lonke elixesha kuthuthwayo. Bayahamba ke eMthimde. UKhaya uyahamba uyapheshya kolwandle uyofundela ubugqirha England uyofundela ubugqirha umama wakhe ngathi uyaphupha xa sele ezoba nogqirha naye.
Zahamba inyanga kwafika imoto emnyama idimile namafestile awo yangena eBhayi kwabe kukhona uGogo waseBhayi phandle kwaphuma umntu onxibe impahla ezimnyama ephethe isibhamu bafuka wadubula UGogo waseBhayi wazibetha zaphela imbumbulu, yatsho yatshaya yachitha eMthimde zange imelwe kwangumntu ilali yaphuma yabhekela qha bangena ezindlini, umntu owamdubula uGogo waseBhayi wayengafakanga ntoo ebusweni. Apha eBhayi kukhona icamera kdwa lomntu owadumbulayo wayengumlungu. Oonyana bakhe bazama uk*mfumana hayi lutho abamazi, akukho nto iphathekayo.
UMNTU OWABULALA UGOGO WASEBHAYI AKAKABONWA KUNANAMHLANJE AKAZIWA.
THE END💔💔😭😭😓😓
U