09/03/2022
Equkeza eqhatha Namaqaqa
Lento ingumntu yinqaba🖐️
Ukuba intliziyo ibibhencwa
Inene ngesibubona ubumdaka
Ngophuma nje ungekasitheli
Sowuphekwa usophulwa
Ngexa yobulingisa bakho
Yintonii nalento nihlekisa ngengxaki zabantu ?
Kutheni lento ningasoze niyimele inyaniso?😪
Ukuba ingxaki zethu besizixelela nina
Inene😪💔ngeziligwijo lozonwabisa kuni😪
Kuba kaloku sazimanya nonozazi bentlebendwana
Intsholo nezingqi 🚶💔enizenza emveni kwam azisoze zabuna💔😪
V.mafu