29/12/2025
•THERE IS ALWAYS LIGHT AT THE END OF THE TUNNEL
UMBONISO 3
One year later !
siboniswa u sinemvelo e hamba no mama wakhe eyomkhwelisa Kuba esiya e sikolweni UCT apho athathwe khona .
Mama: sinemvelo sis ndiyakucela ungalinge ufike uphaphe phayana uyazi into oyiyeleyo kwaye ukhumbule ukuba usukaphi kwaye ndithembele ngawe ukuba siyakukhutshwa nguwe Kula ntlupheko ungaphapheli izinto ezikude wenze izinto ezenziwa ngo tshomi uphaphele namandoda Kuba Zonke ezizinto zizobakhona xa ugqibile ufunda azizobaleka kwaye ubumnandi abupheli kuphela umntu uyaze uthi utya utywala Kanti utywala butya Wena . Ungadlali ngalo elithuba Kuba banintsi Abantu abalindingayo kwaye hleze kuthi Kanti ibilithuba lakho lokugqibela . ubomi bufutshane akufunekanga ithuba olifumanayo udlale ngalo kufuneka ulisebenzise ngobuchule kwaye mntanam uyazibona iba umhle kanjani bazobakhona abafana ke phayana abazokufuna kodwa ubaxelele iba bakulinde Kuba uzomitha xa uleqayo kwaye utatomntana akushiye apho afune abangenazisu , zikhona izinto ozodibana nazo kodwa ungavumi zikutshintshe mntanam uhlale uthobekile unembeko ke sisi. andizothetha kakhulu Kuba nantsi nemoto seyifikile
Me:ndiyakuva mama kwaye ndizohlala ndiwakhumbula amazwi wakho ngamaxesha onke nam ndifuna uziqhenye ngam ndizokwenza konke okusemandleni wam ukuba ndifunde ndipase ndikwakhele ndikuthengele imoto ndikubonge ngokundikhulisa okungaka kude kubelapha usame nam noba nje bendinamaxesha ophuma endleleni kodwa ungandincami ndiyakuthanda mzalikazi wam .
Mama: ndiyakuthanda nam Sisi
kube sekufika imoto akhwele abhabhayise kumama wakhe . Ihambe imoto abe enentliziyo elihlwili Kuba ke lentokazi ayizange yakhe yahlala ngaphandle komama wakhe .
IIhambe imisa e garage bohlike abafunayo , bade bayofika ekapa esikolweni sakhe . afike abhalise anikwe I room yakhe yohlala afike ebulise ku roommate wakhe.
Me:hey I'm sinemvelo from Eastern Cape in Mthatha , I was told to stay in this room and you are my roommate right .
she: hey I'm Avuyile from Eastern Cape in elliotdale , nice to meet you . I hope sizohlalisana kakuhle apha
Me:oh nice to meet you too , nam ndithemba njalo
Abe seqoqosha izinto zakhe u sinemvelo ezibeka kakuhle .
iphele iveki Abe usinemvelo seqalisa I class zakhe(andizongena deep esikolweni) .
siboniswa u sinemvelo elungiselela ukuya kwi class yakhe ka 12 . Alungise agqibe then ahambe aye e classini kufike I tutor izi introduce nabo benze njalo then I class iphele.kuze amantombazana amabini kuye
Girl 1:hey girl I'm onica and this is zusiphe . uyafika Mo's apha ?
Sinemvelo:ya ndingu sinemvelo mna , I'm still new
Zusiphe:oh besicela uba Zi tshomi zakho
Sinemvelo:okay guys no problem bendihleli ndidinga Abantu boncokola
Onica:how about sizikhuphe siye out nawe utsho ubone I kapa siye noba kuse restaurant
Zusiphe:it's a nice idea , uthini Wena tshomi?
Sinemvelo:eh....mh andizokwazi guys andinamali ingxaki
Onica:please please please , I'll pay
Sinemvelo:okay fine masambeni ke
Bahambile Baya e restaurant ba order batya then bayokwenza intloko bafaka I frontal be nails and lashes babahle , Baya nakwi shopping bathenga impahla then babuyela e res umntu waya e roomini yakhe
Avuyile: haybo girl awusemhle , usukaphi nasana?
Sinemvelo:ndisuka e town besisazikhuphile
Avuyile:sewune tshomi na dzoll
Sinemvelo:ewe u onica no zusiphe
Avuyile:utsho abaya bazizi slay queen baphapha gqithi benza unyaka wabo wesibini
Sinemvelo: nditsho bona
Avuyile:mh , ungalinge u zifanise nabo ke uncede , uqale Nini ubazi kengoku
Sinemvelo: namhlanje baye bathi masizikhuphe kwabhatala bona .
Khange aphinde athethe u Avuyile , u sinemvelo uye wabeka izinto zakhe kakuhle , the walungiselela u lala.
Iphelile inyanga sele o sinemvelo bengababheki be groove'a besiya out kwi club bengazihoyanga I class .
like share and comment
tag friends to our home.