Loluthando Olu?

Loluthando Olu? Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Loluthando Olu?, Grocers, King Sabata Dalindyebo.

21/01/2024

Zithandwa Zam Molweni , mandixolise ngokunqaba ndiyanikhumbula kakhulu qha igirl yenu ibusy sisikolo nanjengoko ndisenza ibanga leshumi(12) andinachance tuu uba ndinayo incinci kakhulu ngoba ndithi banemisebenzi emininzi nangoku ndibhala kakubi ndilindwe zihomeworks kwaye ndisuka eskolweni Sana Yoo hayii💔💔💔

21/01/2024

LOLUTHANDO OLU?



Bekungenjika Langa yalemini yomdlalo , ungene esihla amanzi uAlizwa enxaphile kucacuba unontombi Lo ebebaleka .

Alizwa:" Huuu andidinwe , linha mntase cela undibekele amanzi ohlamba "

Linha:" yo Hayi uyathuma Wena andifuni mna"

Alizwa" ndiyakucela ndizakupha imali ekuseni "

Linha:" awunanyani wena uba awundinikanga ndizokuxela ngoku wawuthe kulamntana waseShop uyam..."

Emqhawula

Alizwa:" sukhwaza ndizakunika ungamxeleli uSisi please"

Ecenga

" Ndingayixelelwa intoni"

Ungene sele ebuza uAnathi esuka egumbini lakhe lokulala

Linha:" uAlizwa wathi Ku.."

Alizwa:" Ina Ina nantsi imali yakho hambo Beka lamanzi ndifunuhlamba uyeke uxoka apha"

Linha:" usisithandwa kewena , thank you"

Uyamkele ngoncumo olukhulu waphuma esiyokha amanzi eshiya uAlizwa ejongwe ngamehlo anemibuzo nguAnathi.

Alizwa:" haybo Sisi wandijonga kanje uyaxoka Lo ungu Linha"

Anathi:"mmhh ndiyakuva , ubiliswe Yintonii na "

Alizwa:" besibalaka noBongz sis , so Wena nalaSir ithini into yenu"

Anathi:"Hayi Hayi khondiyeke " encume ephelile

Alizwa:" mhh kodwa uncumo lwakho luyayiphikisa intetho yakho, uyamthanda ?"

Anathi:" ndakubetha Wena Uyintoni ezintweni Zam khona " emgibisela ngesihlangu

Alizwa:"hahah ouch Sisi ngesihlangu , UXOLO ke "

Anathi:" ndakuphinda ketana , khawundiyothenga isiselo eshop Ulunga andimazi uba uhleliphi keyena Oko kwasekuseni emkile"

Alizwa:" sugowa girl maybe ubambeke esipani uzobuya soon , iphi lemali"

Anathi:" yewena inoba uthi ndiyintangakho ndiyiGirl kuwe , thatha kule yenu yophatha esikolweni"

Alizwa:" khayeke Sisi yo uyathanda ubhoka uzawuguga kwangoko ketana "

Anathi:" mkaaa hamba ndinxaniwe mna"

Uphume ehleka esiya evenkileni Alizwa , uthe ephuma esangweni wandibana nemoto kalunga ingena , uphakamise isandla ebulisa waphendula ngeHooter Ulunga eengena .

"Ngqo ngqo Molweni endlini"

Ungene sele esitsho Ulunga ekwagxadazela kucacuba ubutyile , kwaye ebesaqhuba Kuba ebesaphethe ibhotile yeBlack esandleni sakhe.

Anathi:" hey baby ubuye Kade uhleliphi"

Lunga:"Edolophini , kuphi ukutya kwam ndilambile"

Anathi:"kukhona ndiphekayo ketana Kaloku sibuye Kade esikolweni since it was a sport day"

Lunga:" mhh , khowukhawulezise ezimbiza ndilambile mna mntu ebengayanga sikolweni "

Khange awone owakhe uAnathi kuba ebesazi ukuba ulunga uqala uchuku kwaye akafuni ukuba abantwana bakhe babone Xa bexabana , uvele wakhetha uthula qha .

Ugxadazele waya egumbini lokulala ulunga , waziphosa ebhedini Kanti kulala kwakhe phofu ungene nangezompahla.

Like
Share
Comment

15/01/2024

LOLUTHANDO OLU?

of chapter 16

Ebezixelele ngokungamxeleli umhlobokazi wakhe uAnathi lento , ebesoyika ukuba angamxelela ulunga ukuba uve ngabani Ze ulunga
Azobetha okanye athuke kwayena vuvu lowo .

ESIKOLWENI SIKA ANATHI

Ixesha belihambile kwaye kugqityiwe ukudlalwa isikolo sika Alizwa siwinile k*mdlalo webhola ekhatywayo .

Umqeqeshi:" usebenzile Alizwa mntana okuba ubukngekho ngezisibethile ezizikolo ndiyabulela Kakhulu "

Ebevuye Kakhulu umqeqeshi wabo nongutitshala kwesisikolo sikaAlizwa

Alizwa:" sidlale Sonke titshala ngoko ke sizebenze Sonke , kodwa ke ndiyabulela " encumile

"Alizwa Ali haybo uzifihle APHA masike sizule sibone esisikolo noko sesigqibile udlala"

IbunguBonga lowo ongumhlobo ka Alizwa , kaloku intombi ka Anathi ibingenabahlobo Bambi ngaphandle kukaBonga .

Alizwa:" mandikushiye titshala "

Mqeqeshi:" kulungile izinto zakho uzakuzifumana ngomvulo esikolweni Ali"

Alizwa:" kulungile titshala"

Bahambile bencokola no Bonga bezula Zula apho esikolweni , bathe besahamba uAlizwa wangileka emntwini kwawa izinto zalomntu .

Alizwa :" UXOLO khange nndibone mntu uzayo enyinto siyancokola nobonga" echola ezizinto

Zama:" akhongxaki nam ndiyaxolisa ngokungajongi endleleni,"

Alizwa:" ndinguAlizwa by the way ndifunda eInternational Wena ?"

Zama:" ndinguzama ndifunda apha esinolwazi , kuhle ukuzwazi " encumile

Alizwa:" yeah mandihambe ke zama iyakubonana "

Zama:" okay "

Bahambile besingisa ngasezimotweni

Bonga:" ayingosisi wakho nalo uthetha nala mjita"

Ebebona uNzanibe noAnathi

Alizwa:" nguye masisose sisiya kuye ndimcele imali sithenge ikota"

Bayile ke nyani

Anathi:" tyhini molweni bongz " encumile

Bonga:" sure sister kunjani"

Anathi:" ndiyaphila nam , Mr Nzanibe ngumntwana wam kelo lobendikuxelela ngaye"

Nzanibe:" oh nice to meet you young lady , you're such a good soccer player ebengaxoki umamakho"

Alizwa:" Thankyou sir , yo Sisi ebesethethe Lonto ngoku haha "

Anathi:" kaloku ndifuna waziwe ukuba ungumpetha ebholeni "

Nzanibe:"kwaye uyayiphila nyani mntanam"

Alizwa :" Enkossini guys, Sisi ndicela imali yekota tana " ecenga

Anathi:" Yoo uyayithanda imali khanidikunjke ekuseni ?"

Alizwa:" ilahlekile leya Sisi please ndizokuhlambi inyawo xasifika endlini" ecenga

Anathi:" ina I uzundiqh...."

Nzanibe:" take this young lady suhlupha usisi" emnika iR200

Anathi:" hayii hayi imali engaka soze nibuyise ichange "

Nzanibe:" mabohlulelane Nathi khoyeke abantwana please klk bawinile mabazonwabise "

Bona:" thank you sir , bye guys " babashiya apho

Anathi:" yoo , but Enkosi nangona bekungekho sidingo bendizaba nika "

Nzanibe :" masihambe uyeke uthetha"

Bahambile Baya kwezinye ititshala nalapho bafike baxelelwa ukuba kkwibhola yomnyazi siwinile isikolo Sabo ngenxa kaZama , uwongiwe ke ngeAwards ephiwa nemali zezinye imiss ngelivuyisana naye k*mnandi kuyilonto , uAnathi umphe imali naye noNzanibe ngojunjalo .

Like
Share
Comment

15/01/2024

Ndizamile uedita u16 khaniyofunda kwakho

15/01/2024

LOLUTHANDO OLU?



intsuku bezihambile k*mnandi kuAnathi emsebenzini Kuba ebezifumanele umhlobo kiNzanibe nganona ebengulamntu anguye uqumbayo kwaye obonakalayo ukuba akasosithethi , ebekonwabela ukuchitha ixesha kunye. Ngalemini ibiyimini yezemidlala kwaye bek*mnywe zonke izikolo ezikufitshane zizokudlala apha .

Besezifikile izikolo kudlalwa xa kufika uNzanibe kuAnathi eStaff room enxibe impahla zesport efanelekile njengesiqhelo.

Nzanibe:" awusemhle" utsho njalo engakhange ancume njengesiqhelo

Anathi:" molo nawe Mr Nzanibe unjani"

Nzanibe:" worse bendiqala ngokuncoma ke, ndiyaphila wen"

Anathi:" ndiyaphila nam , enkoss nawe awukho mbi Kakhulu"

Nzanibe:" zange ndambi mna ekhaya akekho umntu ombii"

Anathi:"haysuka umbi wethu , ndicela ichocolate yam le wawundithembise Yona " encumile

Nzanibe:" isemotweni masiyoyilanda ndiyonqena uhamba ndodwa , kwaye funeka siyobukel abantwana sebeqalile"

Anathi:" okay , yhu kanene ulapha umntwana Wam naye"

Nzanibe:" ongubani?"

Anathi:" uAlizwa kaloku uzodlala ibhola ekhatywayo ave eyithanda "

Bebethatha bephuma besinga ngasemotweni

Nzanibe:" oh Kanti akayontombazana nalomntwana wadlala ibhola ekhatywayo namakhwenkwe"

Anathi:" uthi bamcelelile Kuba bambona edlala nabo kungeBreak esikolweni kwaye ibhola ekhatywayo yamantombazana ayikho phaya , ungumpetha kelowa umntwana esikolweni sakhe ebefunda kuso ebeziwanqa zonke iAwards zalomdlaalo bekungahanjwa engekho"

Anathi :" Hayybo Mr Nzanibe, what ? " Ebhidekile

Kaloku owakwanzanibe ebemjongile engamphenduli Oko emjongile qha

Nzanibe:" mhh no nothing Nathi "

Anathi:" Ohhh"

Bafike ngasemotweni wabe emnika iplastic enezinto ezimnandi

Anathi:" enkoss" encuma

Nzanibe:" akhongxaki , ndiyobukela ibhola ekhatywayo kemna wen?"

Anathi:" nam ndiyakuyo masambe "

Bahambile besingisa apho idlalelwa khona lebhola .

EDOLOPHINI EMOTWENI KA LUNGA

Sibona ulunga ehleli nothozama oliqabanekazi lakhe elisecaleni .

Thoz:" uyambona uyakhula tatakhe u**y"

Lunga:" ukhula nyani unyanam madoda , molo boy katata ukutyisa ntoni uthoz wangaka Na" emteketisa encumile

Thoz:" Ngalamabisi angaka uwathengayo Sana lonto ndibusisekile ukuba notatomntwana omhoye kangaka umntwan wakhe kaloku abanye abathengelwa nalamabisi ngababo" encumile

Lunga:" ndiyindoda kaloku mna eyikhathaleleyo inzala Yayo andinamntwana unakulamba ndikhona ndisebenzela lonto"

Thoz:" kwamnandi ukuva lomazwi inene ungutata olungileyo sthandwa Sam , singalungelana nokuba singatshata"encumile

Lunga:" hayi hayike uyayiqala uyayazi ukuba asoze sitshate umna nawe mnye umntu endizamtshata "

Thoz:" whoa uyadidina kwalo Anathi kucaba yena ukutyeli yeza , kuworse sinomntwana Thina sobabini besingabalusapho olufundumeleyo uyek*mntongazaliyo"

Lunga:" ndakuvala lomlomo ngenkunzi yempama njengoba uthetha ubudenge nje "

Thoz:" kodwa yinyani nje" ethethela emazinyweni

Lunga:" khome ngochukuThozama , masiyothenga ezizinto zishotayo zomntwana , suqumba babe kaloku masingalwiswa yinto engekhoyo bothini abantu " emcenga

Thoz:"mmhh" ezama uziqumbisa

Lunga:" please mamakhe yini ndikuthanda kangaka wandizalela inkwenkwe entle kangaka"

Thoz:" masambe hehake bawo" encume ephelile

Lunga:"mhle uyazazi Xa uncumile , yabona boy mhle kanjani umama ngathi yinto etyiwayo "

Edlalisa umntwana

Thoz:" whoa akasamandelwanga Sana , masambeni"

Baphume belusapho olubumbeneyo besingisa kwivenkile zabantwana zempahla , ulunga ebefunqule umntwana wakhe echule uThoz kwelinye icala . Bazule bazula bethenga impahla kunye nokutya nezinto zodlala , badula ukuya kwivenkile yokutya . Bachopha balinda iweythala bekwancokola k*mnandi .

KWITAFILANA LUNGELE ABABINI KWAKULEVEKILE INOLUNGA

Sibona uvuvu a nomnye umhlobo wakhe uNandipha bencokola

Nandi:" ayingo lunga ka Anathi nalo?"

Ekhombisa uVuvu

Vuvu:" hayibo Nguye sani , uThoz! " Ekhuza

Nandi:" kubukeka kuthandanwa apha abephi kengoku uNathi ngoba kukho nomntwana Kwaye Ingathi ngokalunga"

Vuvu:" yo ndake ndatsho kekuthoz uba lomntwan wakhe uyandifanela noLunga wazulisa hayiini ngumhlola yhini uAnathi"

Nandi:" kucacile ukuba uyakrexezelwa ke uAnathi, uzamxelela njani kengoku uNathi into enje Sani"

Vuvu:" andizumxelela ndifuna azibonele , andifunubangathi ndiyaxabanisa mna ngoba uAnathi usenongayixela kulunga uba uve ngam mna ndikhatywe lelageza lakhe "

Nandi:" so uzamfihlela into enje omnye umntwana?"

Vuvu:" hayii sundijonga njalo ndiyamoyika ulunga mna makazibonele uAnathi kakade ndandithe makaphume pha"

Nandi:"yo undoyisile , Xa enoyazi uAnathi lento kwaye afumanise uba nawe ubuyazi ucinga zawuziva njani? Ezakuthatha njani yena "

Vuvu:" hayi khondiyeke utye ukutya oku , uyeke indaba zabantu "

Nandi:" yo hayi mandithule "

Khange aphendule uVuvu ebecingana nalento ayibonileyo kwaye uyamazi uThozama ngumeza wakhe apho ahlala Khona kwaye ndingatsho ndithi bakwangabo nabahlobo qha ebengayazi le eyothuka noba uthozama noLunga bayathandana kwaye banomntwana , ebezixelele uba uzawumbuza uThoz kwaye UAnathi akazumxe

14/01/2024

Guys nam ndibhala ngofreemode uvele abhale kancinci andizenzi 😭😭

14/01/2024

LOLUTHANDO OLU?

OF CHAPTER 15

Anathi:"wazi negama lam Kanti " ezithethela ngaphakathi Kanti uzamva

Mr Nzanibe:" yes I know your name , phendula Ke who did this to you" ubuze edikiwe

Anathi:" akungomntu nyani , let's just leave this topic" ebudikwa naye

Mr Nzanibe:" it's fine I'll find him/her my self, let's in my car i want to give you a cream that Will help you kwezifngerprints" eshuk*ma

Anathi:" hambo yithatha Wena uze nayo"

Mr Nzanibe:" please i won't harm you , I'm not a Monster why are you scared of me"

Anathi:" ngoku uqumba kangaka Wena , ngathi uyimonster Sana" ethethela emazinyweni

Mr Nzanibe:" hahaha usile yazi wwena shuku sambe andizukuluma "

Wathula wamjonga emangalisekile uAnathi ebeqala umbona ehleka lomntu kwaye ebemahle amazinyo wakhe emhlophe qhwa.

Mr Nzanibe:" what Nathi , uncumeni undijongile" ebesetshintshile ingathi khange ahleke

Anathi:" ukuhleke Kanti" encumile

Mr Nzanibe:" ukhona Na umntu ongahlekiyo , masambe wethu" emchula ngesandla ukubheka emotweni yakhe. Bangenile kwimoto yehlobo leG63 yakwa Mercedes ibimnyama nefestile zayo sana imenyezela . Bangene eback wathatha lacream wamqaba Yona.

Anathi:" bekungekhosodingo mr Nzanibe ndiyakwazi uziqaba"

Mr Nzanibe:" ufuna ndibukeke njengexelengu lendoda , umntu olibhinqa uyakokoswa klk nathi" utsho ngelimyoli kodwa ilizwi lingqokrola

Anathi:" enkosi kodwa masiphindele empangelweni intsimbi ikhalile"

Mr Nzanibe:" oh okay ungayithatha lecream nzawuthenga enye" emnika

Anathi:"no ndizazithengela eyam enkosi"

Mr Nzanibe:" please Nathi ubokhe uyeke inkani , yenzela mna ke ndikupha ngentliziyo emhlophe lecream "

Anathi:" it's fine , masambe"

Mr Nzanibe:" ndishiye ndiyeza"

Uphumile emshiya uAnathi walibalingisa estaffroom

Miss Mali:" aahh lanto ifika seyithatha amadoda abantu"

Anathi:" uthetha nam" emjonga

Miss:" hayi nalu secaleni kwakho "

Anathi:" oh ndicinga uthetha nam miss "

Kungene uMr Nzanibe esazophendula uMali wamjamela wathula . Baye k*magumbi wokufundisa otitshala bonke.

Like
Share
Comment

14/01/2024

Phindani nikrobe ku15 ndiEditil ngoku ndisabhala icontinuations

14/01/2024

LOLUTHANDO OLU?



Esikolweni sika Lina

Miss Ngcobo:" molo mzali kunjani ?"

Anathi:" ndiyaphila miss unjani"?

Miss Ngcobo:" kuhle nak*m Sisi , ehh ndiyaqonda ungumzali kaSigcawu"

Anathi:" ewe ndinguye miss"

Miss Ngcobo:" okay, ndikubeza ukuba ndfuna ukuxelela uba intombi yakho ayibhali iyadlala apha eklasini ayizisi umsebenzi kwaye ebesiza kakuhle qha andiyazi le imphazamisayo ndicela umjonge ulandelele abhale Kuba yena ungumntwana okrelekrele "

Anathi:" yo yazi akatsho noba seyenomsebenzi wesikolo ke uLina , Kulungile miss ndizak*mbuza ndizame uqonda unobangela "

Miss Ngcobo:" ndiqonduba mandikubize ngoku isaqalayo lento yakhe klk uLina ukrelekrele wenza umdla ngoku ndothukile Xa engasayenzi imisebenzi eyonanto kudala ndimngxoli besendicinga kukho into into ewrongo ekhayeni okanye akalifumani ithuba lokwenza imisebenzi ngenxayemeko phaya ekhaya"

Anathi:" hayi uhlala nam lomntwana miss kwaye akhonto emphazamisayo andimazi qha uba ungenenwe yintoni, awunondiboleka ndihambe naye Na miss?"

Miss Ngcobo:" ungamthatha Sisi noko sesizawuphuma isikolo, ungamohlwayi mntwanam please " encuma

Anathi:" kuzawubonakala miss" ehleka

Miss:" Sigcawu thatha ubhaka wakho ulandele umamakho Sisi "

Lina:" okay titsha"

Uthathe ubhaka basingisa emotweni

Lina:" molo Tata" ebulisa ulunga

Lunga:" ewe Sisi bekunjani Eskolweni?"

Lina:" school was boring as always " edlalisa amehlo

Anathi:" sawuthini unga diki ungabhali Xa kubhalwa ngabanye awenzi ne home works , Lina yintoni ingxaki yakho ? Ufuna ufailer?" Engxola

Lunga:" hayi Nathi sumngxolisa uyabona uyamoyikisa ngoku"

Anathi:" hayii ha.a Luu andizungangxoli usile Lo yintoni engamenzisi imisebenzi eyinikiwe ? Lina phendula ndiyathetha"

Lina:" uyaphosisa utitsha mama ndiyabhala mna" engcwengisile

Anathi:" uzama ukuthi umntu omdala unelwini? Mamela kentombi mna andizuphinda ndiye kwesasikolo sakho ndiyele Wena nongabhali kwakho into zoyenza nzakuphindisela k*makazi ezilalini uba uyagula apha"

Lina:" yo Sisi ngeke ndiphindele k*mama mna uyasokolisa lamntu"

Anathi:" uzawuphindela Kanti uba awuyenzi into oyixelelalwayo kwaye uba ufailer uyahamba sanalwam uyofunda khona pha ezilalini uhlekwe nyani"

Lina:" Yoo" edanile

Anathi:" kuzawupheka Wena kuleveki yonke noklina kuxhomekeke kuwe , that's your panishment "

Lunga:" but Nathi she's young how can she do all the house chores alone "

Lina:" ask her daddy " esebeza

Anathi:" ufane wathethela emazinyweni uzawuzenza Kanti akeva Mo's yena , yehla uzoqalisa ngoku futhi upheka silambile"

Bebesele befikile endlini

Lunga:"hayi andisazi kemna " ebeke izandla phezulu ezichazuba " I give up"

Bangene endlini uLina nonina washiyeka ulunga ezama i-IT imjongele le number uba ngubani umnikazi wayo .

NGOSUKU OLULANDELAYO ESIKOLWENI SIKA ANATHI

BekungeBreak uAnathi ethetha nomhlobo Kazi wakhe emnxebeni , ebehleli phantsi komthi ekwasela isiselo esibandayo nanjengoko ilanga belitshisa .

Anathi:" ewe tshomi ndifuna umyeka mna ulunga uyazi uphinde wandiqhwabela lanto yalanumber yalamntu uvese afoune athule phofu ndiyatsho uba andimazi , hayi Sana ulunga wayenza yangaka into "

Vuvu:" hayi Nathi wakuqhwabela Lonto ebengayifouneli ni lenumber ayibuze uba ifununani kuwe kwaye uyatsho Mo's uba awuyazi"

Anathi:" ndithetha nawe NJE tshomi ndingcwele ifinger print zakhe ebusweni kaloku ndimhlophe mna ngoku ndiyacaca Xa ndinento engaqondakaliyo , ndibomvu sana worse ba ndizamile uyityabeka imakeup Sana kodwa iyacaca"

Vuvu:" yo hayi Nathi andinamazwi mna phuma kulomntu uzawufa ligeza Mo's Xa enje , kengoku awunantloni apho because inoba bayakuhleba klk zezimpama zisebusweni"

Anathi:" bayahleba tshomi but mna andibahoyi andizuzichaza Kubo klk , ndizozama uphuma chom kulegem "

Vuvu:" usundidike ngalonto kewena ulibale kuthi uzawuzama kodwa uyaphela kubethwa sesisikrelemnqa sakho , uzofa usalibele kuzama "

Anathi:" tshomi usubenje kewena , nyani this time ndizamyeka ngoba akafunutshintsha Mo's"

Vuvu:" mmh okayy "

Anathi:"nyani vuvu tshomi ndithembe"

Vuvu:" andisathembi kwawena mna ndizobona xawuphuma kwelogongqongqo lakho "

Anathi:" whoa kewena usubenje , bye bye chom sobuya sithethe"

Vuvu:"sharp mntu wezim"

Umhlekile wacima umnxeba wakhe uAnathi , uthe esarhabula kwesosiselo sakhe wabona Mr Nzanibe esiza ngakuye umbukele ngoku achula ukunyathela okungathi uhlatywa zinaliti . Ebemangaliswe bubuhle obungaka eendodeni , ebeqinisekile ngalomzuzu ukuba Lo ayingoweli ilizwe noko ayikho indoda enje Kweli .

Mr Nzanibe:"Heyy miss sigcawu why are staring at me , are you okay ?" Utsho ngelizwi eliphantsi kodwa lingqokrola

Anathi:"mmh I'm sorry it's just that I was thinking"

Mr Nzanibe:" oh ucingela k*m okkyyy, wait who do this to you " embamba ubuso emjonga

Anathi:" akungomntu ndibetheke endongeni " uphosise watsho

Ebesothuke leyobanjwa ubuso ngulomntu klk umfo ungumntu ozithandayo akabambi Bani nabani umjongile NJE.

Mr Nzanibe:" no uyaphosisa Nathi who slapped you? Usubenje nxaa" ebonakala enomsindo

Anathi:" wazi

13/01/2024

.andinilibelanga ndikhona kwaye Ndibuyile ezilalini so inetwork ayisazuhlupha . Masidibaneni ngomso ukubheka phambili🥺

09/01/2024

Heee guys ndisezilalini inetwork iyasokolisa thats why ndibanunqaba .

Kwababakhalazela uba ndibhala kancinci ingxk ndibhala ngofreemode ichapter zibancn ,

Endenzekeleyo namhlanje ndithe ndisakubona noko ikhona inetwork ndabhala ndithe ndisabhala ichapter ayafuna ndiqhubeke ndayisendee ke ndathiqonduba nzoyi edita nda edita ke ndayisenda futhi iEdition ngenxayenetwork ayahamba kwanyanzeleka ndibhale icontinuation ndiqalele ekuyibhala kuba laedition khange ihambe ndisajonge leyo kwathwa mandiyolanda inkukhu ezoxhelwa komnnye umzi phofu umama uyathukisa Yoo guys kuningi ndibhala kabuhlungu apha 😭😭😭😭😭andinilahlanga zithandwa Zam zezingxk

09/01/2024

LOLUTHANDO OLU?

of 14

Nomzi:" ndiyakuva ke Sisi ye Lwazi khawubize umantombi abekele umakazi wenu into ephungwayo"

Lwazi:"ulele lowo"

Nomzi:" mvuse angandiphambanisi yake yakhophi into yomntu olala kuphume ilanga ngathi akayo ntombi makavuke ubakafuni ndimfake impama"

Nobangile:" uyangxola kewena kusekusasa abantwana bothini ungalali"

Lwazi:" Hayi nyani makazi"

Nomzi:" Hayi nyani ntoni akhomntu uzawulala ade ahlatywelilanga kwam okanye umntu azifunele inxiwa kukwam APHA"

Uhambe wayokubiza udadowabo ulwazi eshiya unina ethukisa PHA

EMTATA KWAPAYNE EMRENTWENI KALUNGA no Anathi

Abantwana bebesele behambile nanjengoko kulusuku lwesikolo uAnathi ebengazuya empangelweni ebezakuya Eskolweni sikaLina nanjengoko ebebiziwe kwintlanganiso. Ebezakuhlamba elungiselela ukuhamba . ULunga uvuke engekho kwaye nefoune yakhe ingekho , ebezixelele ukuba ulunga uvukele empangelweni qha ebimxaka ngumxeba Lo ahambe nawo wakhe.

Lunga:"so uzawuphola ngathi akhonto ibimbi uyenzileyo

"Qhwiiiii phahla" lawo ngamanzi kunye neGlass ibiphwe ngu Anathi ebothukile Kuba ebezigqibele eyedwa endlini

Lunga:" Suzothusa Kahle khahle Wena anathi Uyandiqhela Wena hee "

Anathi:" uthetha ngantoni Luu ngoku ndenzeni"

Bedidekile engayazi lento ULunga athetha ngayo

Lunga:" SUZENZ'ISIBHANXA MANIII ANATHI , yintoni le hee ngubani lomntu ?" Embonisa lamyalezo

Ebothukile kwaye esoyika Kuba ebesazi ukuba uzawubethwa , ekwadideka ngoba akamazi lomntu ubhale lento.

Lunga:" ohh uthule ngoku ubucinga andizuyazi , ubucinga ayizuvela ? Ndiyibonile ke umthetho wakho uyathanda uzikhabisa ñgam?"

Anathi:" a a andi ya zi lento andimazi lomntu MNA lunga ndithembe Sithandwa sam andikujoleli please luuu " ekhala

Eguqe ngamadolo phambi kwakhe ecenga ungabethwA

"Qhwaa qhwaa" umqhwabe wawaphantsi ngengobuso wopha umlomo Lo

Lunga:"SHUT UP wena can't you see you're making noise with these crocodile tears of yours? Get up shuk*ma Mani"

Ushuk*me ngokukhawuleza eqhaqhazela luloyika , uthe xa ephosa amehlo emnyango wafika etixiwe ebengenawuphuma . Ulunga ebengqunga esehla esenyuka kulendlu ngumsindo

Anathi:" Luu please suyenza lento andimazi nyani lomntu , okay masimfounele ke " ecenga

Lunga:"mfounele " emjula ngomnxeba

Uwuthathile wafouna

Anathi:" hello"

*Cwaka*

Anathi:" yemntu ndini ungubani ufunani k*m ? Awuthethi ucinga ndizawukwazi njani" edikiwe

*cwaka*

Anathi:" mamela apha njengokuba ungazuthetha nje ungaphinde unditsalele kwaye ungandibhaleli kwamyalezo ngoba andikwazi futhi undimosh . .."

Call ended

Lunga:" Anathi " ngeliphantsi

Anathi:" Luu trust me andimazi lomntu " ngcangcazela

Lunga:" ndiyavuma awumazi , inumber yakho uyithathephi? "

ANATHI:" andiyazi Luu yile indixakileyo nam okay ndizotshintsha isimcard ke to avoid lomntu ndingamaziyo masingade silwiswe yilonto baby"

Lunga:" Xa wusithi awumazi okay , sude utshintshe number mblocker qha ngoba andizumelana nomntu obane ekufakela oGoodnight MNA "

ANATHI:" oh okay"

Lunga :" sapha ndimblocker ngokwam futhi wogqiba uhlambe sihambe siye kulentlanganiso kaLina "

Umnikile uAnathi ifoune wahamba wayohlamba, ulunga uthathe lanumber wayifaka emnxebeni wakhe wayiblocka kuzozonke indawo kweka Anathi ifoune .

Ubhalele lanumber emnxebeni wakhe umyalezo othi " stay away to my girlfriend unless you want to die" wagqiba wayithumela walungiselela uhamba .

Like
Share
Comment

Address

King Sabata Dalindyebo

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Loluthando Olu? posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category