Imibongo

Imibongo Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Imibongo, Grocers, 22Biko Street, Saldanha.

06/11/2024

Mna ndinothando 🥺
Andinathando layizolo🥺
Kade ngaba nothando🥺
Uthando enginalo luyamangaza 🥺
Kungoba ndithanda ngentliziyo
Andinathando lwamanga
Zange ndanxunguphalisa Bani
Uba kunjalo ndimbongi Ni Na
Zange ndaxhela ntliziyo yamntu 🥺😔
Ngoba ndinothando 🥺
Kade ndathanda
Mina zange ndaluthola uthando
Ingaba mawunalo awulitholi?
Ndingumkhangeli wothando 😔
Ngibanikile abantu uthando kodwa akaze ndaluthola 😔

Ingaba uthando enginalo lelani
Mangingasoze ndaluthola Mina
NM ndiyaludinga uthando
Zange ngizenzele ukuba yimbongi
Isono sm ukuba yimbongi yini?
Ingaba imbongi ayilutholi Na ?
Mina ndinentliziyo ebhlungu
Ngifisa ukuthola uthando NM ngelinye ilanga
Ngizizwe ngifana nabanye abantu

Uthando azange ndaluthola!!

08/01/2024

Ndithe ndojonga isizwe ❤️
Ndanexhala noloyiko ingaba yintoni ?
Ndise ndabona kungekho mpilo
Kumanyungunyezi yimvuthuluka
Izihlobo zicandwe kubini namhlanje
Akukho bani uvana nobani
Layaphi na uthando lwakwantu?
Apho kwakucengezelwana
Amathole edlala nawo bawomncinci

Sekunguzimele enkqayini namhlanje
Uthando intlonipho azisekho
Kujongwana ngamehlo abomvu zizohlobo
Ndityumzekile intliziyo zezizenzo
Ndinga ndinga buyisela kobawo mkhulu
Apho kwaku xhentswa endlini enye lusapho
Ngoku ubani uzimele nabakwakhe
Asazike kwabashiywe kulomhlaba

Ngxebe !!makuluuunge 🥺

10/09/2023

Ndigquthezile ndixela uMandela
Luphelile ulutsha lakowethu
Maxhego xegani ningxininise
Omama bavathe mibhaco
Hlangulani sizwe sakowethu
Luphelile ulutsha lwakowethu

Kusel'inyembezi zizenzela
Omama basikwe yinimba bancama
Bamile emaxhantini otata akwanceda
Gquthezani magqwirha ndini anizunceda
Luphelile ulutsha ngonoyobisa
Ohh walala ngecala uMandela engcwabeni
Wanabelu qaqaqa uRholihlahla kwatshintsha

04/09/2023

Xa kowenu nilala nijabulile
Akutsho ukuthi nasekhaya sijabulile
Xa ninezimali kowenu sukundijongela phantsi
Nilala nidle kamnandi kowenu
Ekhaya silala singadlile
Endikutshoyo ukuthi amakhaya awafani
Wena eskolwen uphatha imali nesinkwa
Owam umama akanazo lezozinto

Nditshu kuthi abantu abafani
Mina ndilala ngezinyembezi njalo
Wena abakho abazali bakxelele ukuba bayakthand
Mawujabule nomndeni wakho
Akutsho ukuthi nasekhaya sijabule
Ekhaya kugulwa njalo asinanto
Kowenu nigula niye kogqirha
Ngxebe nizizinhanha kunam

Xa undijongele phantsi
Uthini ngalo ongenabazali
Undijongela kanjan phantsi ungazi
Mhlampe mina ngalugcina kugogo uthando
Wena abakho abazali bakphethe ngothando 🥺😭

30/06/2023

Andikwazi uniphendula nonke umntu makavele angene endabeni angandibulisi

30/06/2023

Bendingena foun bantase kodwa ndiyathembisa ndizakunibhalela oko ngoku ❤️🥺

Ndiyabonga ngabalandeli abaningi❤️

30/06/2023

Ndikuthandile ntombiyabantu 😔❤️
Ndingazenzi ndisenziwa yintliziyo ❤️
Ndincuma ndibobotheke ndakubona 😔❤️
Zange ndathanda mntu kanje ❤️🥺
Nokuba undifakele ityhefu yongeze ❤️🥺
Ndingashiya izihlobo luthando endinalo ❤️
Ndikuthande namazinyo akho amhlophe🥺❤️

Ndakthanda ntombazana 🥺
Ndahluleka nakuzibamba luthando ❤️
Amadolo ayagevezela ndakujonga emehlweni ❤️
Ndisuke ndivuze izingcwe luthando 😋
Intokazi enesizotha ,nothando ❤️🥺
Ndakthanda ngathi andiqali ukubona ❤️😍
Ndingathumela omalume nelobola kuwe ❤️😘
Ndingaswela umphefumlo ngenxa yakho ❤️

Ndikuthandile ntokazi enobubele 😘❤️
Ngubani ebeyazi ndingabona ubuhle obunje
Ngubani onongakuthandi kulomhlaba 😘❤️
Ndiyafunga namagqwirha ayalwa ngawe 😘
Nditsho izihlobo nezalamane zifuna wena 😘❤️
Ubengezela okwesipili ntokazi ❤️😘
Ubuhlebakho bobemoto ehamba kancinci❤️

Mabathandwe abathandwayo😍😘

30/06/2023

Liwile iqhawekazi 😭🕊️
Lashiya intliziyo zixhelekileyo 😭🕊️
Ziqengqelekile inyembezi,kwaxheleka umphefumlo😭🕊️
Yaqhekeka intliziyo ingenathemba 🕊️😭
Ngubani obesazi ngeliqhawekazi?🥺🕊️
Banxunguphala abantu🥺🕊️

Ohh iqhawekazi ebelihlopha 🥺🕊️
Intombi ibichula ukunyathela 🥺🕊️
Singathi ugqatso ulufezile mntanomntu🥺🕊️
Ngubani onothobeka njengawe 🥺?
Intyantyambo nembokodo yekhaya 🥺💔
Usishiye silila ntomb'endala 😔💔
Wanabela uqaqaqa ungekaboni mvuzo woqeqesho lwakho 😔💔
Ushiye izizukulwana zingenamfundiso yakho 🥺

Uwile umzi kabawo xhewukazi lam 😔🥺
Bekungubani ononyamezela 😔🥺
Ndingatsho ndithi intlungu ubudlulisela kubawo😔💔
Akekho onomela intlupheko ogqithe kuzo😔💔
Wanga ungalala ngoxolo ntomb'endala 🥺😔💔

Imiphefumlo enxunguphele ilulame

14/03/2023

Ah!ndiligrirh'eliqhqh'umhlola kodwa ndinombono
Iyoba njani nah I South Africa kwiminyaka elishumi ezayo?xa nithath'umhlehlo wasekhaya webhokhw'etyetyisiweyo niwombathise amadlagusha
Lithi lakuvel'ilanga unyibilike umhlehlo buvel'ubuyena bomntu

Tatu madiba izwe lakho liyonakala
Shukumisamathambo ujong'izwelakho liyonakala

Address

22Biko Street
Saldanha

Telephone

+27609079549

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Imibongo posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Contact The Business

Send a message to Imibongo:

Shortcuts

Share

Category