Bendikade ndithanda umama yedwa

Bendikade ndithanda umama yedwa Contact information, map and directions, contact form, opening hours, services, ratings, photos, videos and announcements from Bendikade ndithanda umama yedwa, Grocers, Umtata.

03/06/2024

9
Kwa lwandile
Bekuyi 1 namhlanje abafana baka Mlungisi oko bezulwa ngakwa lwandile ibingabonakali tuu inkosazana ka Lwandile
Sisanda: ye Tata uqhaphelani ngala moto iyandithukutheza oko imephaya ingathi ikhangela umntu
Lwandile: ikhangela uzano
Sisanda: ungandixeleli uba ngu Mlungisi, kanti yintoni le bayifuna emva komtanam
Lwandile: banorhobholo wemali inxaki kwaye ngendlela abenza ngayo yenyusa indzondo kuzano asoze beve nesipeleti
Sisanda: ufane bamhluk*mezile umtanam kodwa indzondo iyingozi myenam ( bebezihlele phantsi komthi bebukele imito enganyakaziyo ngasesangweni labo uyewasuk*ma lwandile esiya kulamoto )
Mfana ¹: bafethu usibonile la Tata nanku esisa
Mfana ²: qhuba bafo sihambe hamba ( baphaphatheka bengasasukeli nezinye imoto endleleni beya kwamlungisi)

Kwamlungisi

Bangenise imoto enkudleni bebezihlalele oh Mlungisi no maweni
Mlungisi: kuphele intsuku nibuya nelize uphi lomntwana makwedini
Mfana ¹ kudala siphaya akukho ntombazana phaya anisikhombosanga umzi owrong
Maweni : inoba niphambene sizayenzalani lonto
Mfana ²: ayikho lentombazana phaya side sabhaqwa ngu Tata waphaya
Maweni: fustek nifunani apha xa engekho ningacingi nizafumana imali ker nehlulakele kaloku nina ( bahambile abafana bashiyeka bezibuza imibuzo o Mlungisi abazukwazi kuziphendula ,ngosokusa bavuke balisela owele ngalento)
Lukhanyo: mna ndifuna ukuthi umbalekisile utatomdala uzano
Nofezile: ewe nakuqala kaloku wenza kanjalo ubuti
Maweni : iyoze ibambane wena myeke ( bahambi omlungisi no wele kushiyeke unofezi no maweni )
Nofezile: mama sizakwenze njani ngoba umntu omkhulu uyalifuna igazi lika zano
Maweni : ndixakiwe nam ketana xa esenda besizamthola Lula andimazi no lwandile ngumtana amkathalele ngantoni loo
Nofezile: wayesinde kanjani nayena Kuba sanikela ngenzala ka nosanele umntu omkhulu ubembona engeka mithi azithathele kuye
Maweni: kaloku yilemvano ka lwandile no nosanele ndiqinisekile ikhona into a wayinika yona ukukhesela wayesoloko esitsho lwandile ikhona lento ibambe nosanele angamathi qha zange anakwemntu
Nofezile: kuzofuneka sixoze mphini wumbi okanye siqomfe awamasana ka buti
Maweni : awnanqondo kanene ucinga andizamanga undibona ndinxiba ijesy noba kutyatshisa njee bendithumele mtwana ka mntu omkhulu wamtshisa ulwandile qha thina funeka sikhangele engekade adikwe umntu omkhulu azikhangelele Kuba akanoxakwa uzafuna apha kufitshi

Kwa lwandile

Zano : ndiphilile mama ndiphuma msebenzini nam ngoku
Sisanda: ohh mtanam yini ude ufune umsebenzi kengoku
Zano : ndonqene uhlala njee mama kanti nalemali izandinceda naseskolweni uphi udaddy
Sisanda: usaye entlanganisweni yelali mtanam ,,phumla ker sisi bendikujonga qha
Zano : oky Maa undincamisele ko thando ( ushiyeke enesezala usisanda ngomtanakhe ongade othole kuthula empelweni yakhe usoloko ephephana no bungozi oko wayemncinci kanti nangoku seyintombi endala usalandelwa

07/03/2024

Kwa lwandile
8
Bathe besahleli kamandi kanjalo kwathi gqimoto ka mlungisi uvelel wadikwa sisanda Kuba uyahiqonda into ebazisa apha
Maweni : yehake nosanele usabe usithe phuhlu ngamehlo uzanika nini izichopho
Zano : n**i
Mlungisi: awubulisini zanokhanyo
Zano : nibulisile nina (utsho engena endlini zanokhanyo bebemdika ababantu bebonke nje ngalolonke elixesha ahambayo zano lukhanyo no Luxolo bamjonge umva lo ababonwanga mntu nabo futhi ababonananga uba bajonge phi ude wayosithela bemjongile
Maweni: unyaka uphelile lwandile sikunike ithuba loba ucinge okanye sizade sifake amapolisa kulento
Sisanda: ngeniqale nafaka wona phambi koba nizekwam
Mlungisi: kwaphendula nawe into ziyatshintsha ,bafo sithole omnye umzi otyebe ukwegqitha lowa wakuqala uyabona phaya imali isula izitya
Lwandile: ngoku ndingenaphi mna kulonto nini enavuma ububhanxa ngo nkosazana ingengowenu
Maweni : Lwandile mamela sizaba zizityebi uba uzanokhanyo wendala phaya
Lwandile: ngokabani umntwana Kuba owam akayi kobobubhanxa ,ningamsa ker owenu ( kuze bulumko ezisa ukutya bebepheka endlini beno zano beyene ngamehlo bexakwe ngulomfana uzoqonde baye bacinga uba lisoka lika zanokhanyo)
Luxolo: tatomdala ngoku angafuni kwendisa zanokhanyo uyakyeka ahlalisane emzini wakhe
Maweni : uyabona akakuhloniphi lomtwana emveni koba ukhulisile , wena usabe utsho unqina apha ngamanyala wanani la uwenza emzini kanyanam
Lwandile: khanitye nizahamba Kuba ndiqinisekile nakugqibela kudala okunje kona ukutya ( uthethe lomazwi ejonge umlungisi nobesekugqibile okwakhe ukutya ,bagodukile Kuba kaloku lwandile uzintsile akendesi yena

Kwam Mlungisi

Bafike besisifu emzini wabo ngumsindo bebephelelwe ngamaqhinga bebene themba loba uzavuma lwandile xabesithi uzathola isabelo kwi lobola ka zanokhanyo
Luxolo: ndinayo mna iplan kufuneka sithumele abantu bamxwile zanokhanyo ngoku ngeke amlande tatomdala xasele ehambile
Maweni: lilo elo mzukulu kufuneka senze ngokukhaleza
Mlungisi: niyagabadela niyalibala uba sithetha ngomtana wethongo nicinga lwandile akazuya kulowomzi ayomlanda makuqale kwehlulwe unyaka pha emini xanizula lento yenu nithi yi first sigadle kengoku akanocingela thina bayaxwilwa abantu phandle apha
Nofezile: kamandi ikude lalali abanocingela

Bathe ugqiba kwabo uxoxa lonto yabo impuku yayangomgodi wayo

Kwa lwandile

Bebehleli phandle zano egqiba kuvalele igusha xa ebizwa ngu lwandile .ubulumko yena ubesele egodukile bekuyi 30 namhlanje bekuc**a nje kwasendleleni bekuphithizela ngabantu
Zano : daddy undibizile
Lwandile: kanene ubusithi niyahlala res noba zivaliwe zkolo
Sisanda: hayibo tatabo ndikuphendule njee izolo
Lwandile: ndifuna kuqiniseka nkosikazi ngomnikazi wendawo asifundi thina sobabini (behleka)
Zano : ewe daddy siyahlalala
Lwandile: kulungile hambokisha mpahla zakho uyahamba ngoku uphinda skolweni ,mamakhe ndibele amanzi phaziko ,nkosazana suk*ma asinaxesha lonke ( usuk*me engabuzanga zano wapakisha uthe xa egiba wanikwa amanzi ngu lwandile ethi makahlambe ngawo ngenkangeleko lamanzi ebeneyeza Kuba bemazi uba unesiphiwo sabadala akabuzanga uhlambile wagqiba wanxiba)
Sisanda: Tata zano ngoku vele enze keyena kodwa mtanam ukhumbule wenzela wena noba wenzani
Zano : ndiyazi maa inoba ikhona into ayibonileyo angathi mandihambe andazi zabuya nini ndovangani
Lwandile: ndizakuxelela nkosazana ungazikhathazi ngathi ,masambe nkosikazi thatha olwemihla andizunishiya apha kulate
Sisanda: kulungile Tata ( umphathisile zano abantwana bayindlela beleqa bus ya late bafike ishota ngomntu omnye akhange abesathenga kwanto azayitya endleleni zano .bagodukile abazali bathe bengena esangweni zakhala intsana uzame ndandlela zonke sisanda ebaselisa abayeza kodwa kungancedi uncame waqhumisa lwandile wachela umzi iza babe bayelala )
Lwandile: ukhona lomoya uvunguzayo kwam
Sisanda: kakade myeni wam kutheni ungancedi abantu ngesisiphiwo unaso
Lwandile: kunzima nkosikazi besele ndizixelele ndizanyanga abantu nam qha kwathi kusofika nina akwabilula Kuba kaloku ndinyanga umntu ozekwam ngoku ker xabengekho kufena ndibe ndiphangela ukuze silale sityile xasele ethole umsebenzi nkosazana ndizaqalisa kengoku
Sisanda: ndiyakuva kodwa ndicebisa undikhombise amanye amayeza enzele umntu ozofuna ndibe ndikhona mna xa ungekho wena
(Bavumelene uba bazosebenzisana ngalolonke ixesha nangona usisanda ubengelilo yena gqirha kodwa ubencedisa nangawuphi na umsebenzi ukuncedisa myeni wakhe vele ubesengasaphangeli ngoku ano lwemihla )

Kwa Mlungisi

Maweni: nibathole abafana abazokwenze lomsebenzi mzuku
Lukhanyo: ewe makhulu kwaye ndibathembile
Mlungisi: ingase ndimbone emehlweni lwandile xa ingabuyi nkosazana yakhe sekuphele tu kuzixelela sizamgqeba olungapholiyo lona uduma
Maweni : sizodlala o nosanele apha bafuye imali endlini bayeke kwendisa lanto yabo sizobenzela kethina kwaye abazuva ne cent emdaka
Luxolo: abayazi kaloku bona makhulu imali
Nofezile: caba bona bazama ukwakha nha nizibonike izitena
Mlungisi: eish ezanto zimbalwa kangaka andiqondi noba zifikile ku 20 soze andedlule ngemali lwandile uzasokolo eza emva ngoku amdala k*m
(Bebesitya isidlo salate ngelixesha baxoxa lentetho Bathe bakugqiba bayolala ufike njee Mlungisi wahlamba waphuma esiya kwelinye lamagumbi elilala isisebenzi salapha bade baqatsha Kuba Nofezile uyehluleka mpela kupheka ngoku kupheka namhla ,ubelala ngenyembezi namhla Kuba wayedinga umsebenzi wavuma engazi uzikhanda ngenyeke etyeni ubesisisulu sika Mlungisi nonyana bakhe ku namhla bebelala naye ngenkani beziphindaphinda bebeyenza neyoba balalenaye ngexesha elinye kudala wazama kubaleka kodwa babuya naye ephila bamoyikisa ngoba bazabulala umtwana wakhe uba ekewaya emapoliseni , ufike Mlungisi sebekhona onyana bakhe nangoku bebelinde yene )
Namhla: ndiyacela mnumzana ningayenzi lento
Luxolo: akusizi kucela ,khulula ntombazana uyasilibazisa
Lukhanyo: kuzaqala mna kenamhlnje
Mlungisi: kulungile khulula wena ( bekungekho noba angakhala sezaphela kudala inyembezi bamkhulule ngokungesimilweni bazenzela bephindelela bamshiye ethenca phantsi ubesefuna nozibulala kodwa uzamshiya nabani umtwana wakhe .)

24/02/2024

7
Ekapa eres
Uzanokhanyo ubehlala no minentle intokazi ibubuthanda ubumandi kubangoku ubelungisele uya bashin nechomi zakhe ubetshaya notshaya ubeke wacinga zano kutshintsha ndawo yohlala kodwa wazibamba ngelithi uba ndithola ndithola owes ukudlula uminentle " noba ebesenzani minemtle kodwa ixesha lofunda ubengalilibali ngamanye amaxesha acele ku zano amcacisele ngoku bangenzi course enye

Minentle : xa uphuma eclassn mtase uzayaphi
Zano : ndizaya msebenzini kaloku , sapha lo key mini ndingalala phandle nguwe
Minentle : haha uyathanda undibaxa kewena mandikushiye
Zano : Minentle une test Monday
Minentle: ndiyazi mtase yilento ndizikhupha namhlanje ( bekungolwesine namhlanje eyozonwabisa uminentle into ebemthandela yona uzano kukuba usela nezichomi zakhe abuyele ezincwadini futhi ubekuthanda k*mncedisa bebenala bond ye mpumelelo bobani no Minentle wayemthandabuza uzano kuqala esithi uyabhora akazenzi ezinto yena azenzayo kodwa ubesekgulekile ngoku ,uzanokhanyo ubephangela espar xa ephuma classin ichomi yona ubengekabinayo oko efikile ubebakhumbula kowabo xa ethole ithuba nabo bemfounela . Uphumile zano eleqa class yakhe ubesephumile Minentle yena .
Zano : uxolo (utsho xa egila umntu nathe xa emjonga akazi noba ngu sisi okanye ubuti )
Bulumko : hy ndingu bulumko mna chomi
Zano: ndingu zano mna uxolo ngoku gila ndileqile
Bulumko : oky chom hayi sundijonga kanje tyi
Zano : uxolo mtase mandikushiye (phofu uyahleka uxakwe ngolomntu angaziyo noba ukweliphi icala kodwa uthe ak*mqwalasela wabona u boys to girls nangendlela enza ngayo banikene inumber nangona eqale wala njee zano

Ubom bebuqhubeka kuzano ubesele engumhlobo no Bulumko ubungani babo kungangeni nempukani besele kuzogodukwa ngoku bebhalela December nominentle ubengeka tshintshi esengulowa
Bulumko: yhee zee uyazibona uba unqinile phofu
Zano : zincwadi mtase
Minentle: uxokelani ekubeni ungamathambo kwawena [behleka ] kodwa unqine nyani mtase nawe uyazigqilaza zincwadi ngapha ngumsebenzi
Zano : imeko xa ikuthuma mtase nawe ubungenza
Bulumko: and angeke sikunxibele izihlangu mtase xazitya wena ,hayi phantse ndalibala izolo mini bezikuthukelani ichom zakho
Minentle: mxm bayageza abaya bayandibuza ndipasa njani bona be failer kodwa sinxila sonke ,ndabaxelela kemna ndiyzazi ndandizofunani apha
Zano : ubaphendule kakuhle Bulumko masambe ndisazayo khulula laybye yabantwana ( baphumile bagcwala ikapa bebegqibelisana kaloku ngoku lemini ibeyeyabo bobabini babuyele eres bencedisana ngo pakisha

Kwa lwandile

Lwandile: andisavuyi ebuya nkosazana ingathi akusi
Sisanda : ngendlela ovuya ngayo andikuthembi funeka ndi key emnyango ndingeva ngawe uphuma ngobusuku (bek*mandi apha ubona bavuya nyani olwemihla bona bebeqala kugaqa ngoku into abayihluphayo akubekwa nto kukho bona ,,kusile lwandile waqhuba moto yakhe eya ezibhasini khange abesawatha amanzi ngendlela ebemleqe ngayo nkosikazi wakhe bekunani uba axhubhe kuthe kanti inimba yomfazi imvile umtwana wakhe ithe ifika bhasi wabe efika lwandile naye hayike into abayangene apho )

Zano : hayibo daddy wavukela kangaka bendithe ndiza founa njee
Lwandile: ngumamakho njee uyazi khange ndinikwe namanzi wosela kuthiwe uzasela mabuya
Zano : hayike uzandilinda ndiqale ndicukuceze noko kusesekuseni akukagcwali
Lwandile: kulungile nkosazana ndizakhangela indawo yo paka ( wenze grossa zano wayitsho yagcwala trolley ubengakholwa lwandile uba kukutya kwakwakhe oku ukuqhele xa ethutha Special kuphela namhlanje Kuya kwakhe ,ubengavuyi sisanda elinganisa mpahla beno lwandile othando kebona bebesele bethe nca kuzano benxibe kakuhle gem yabo bazothini ungaqhali nabethuna usisi omdala ebuyile )
Sisanda: jonga Tata uyabona Lee ndizayinxiba caweni ngomso oko yhoo jonga namajerumani wam hayi ngawohamba Kela
Lwandile: yhoo kanene nathi siqhalile ungalibali waqhayisa wena

Kwa Mlungisi
Luxolo : wathula kangaka mama
Nofezile : yazi ekuseni ngoku ubundibeka town ndibone zanokhanyo imali idlala kuye mtakabawo ukutya akuthengele mamakhe nokomgqebho kuncinci
Maweni : abe ubemfihlephi lwandile lomntwana unyaka wonke okanye uthole umsebenzi
Lukhanyo: ayifuni thina leyo into ekufuneka siyenze ngoku kukuba sibuyele phaya xa ekhona uzanokhanyo
Luxolo : mahle bafo sibe sikhangela omnye umntu ozamzeka Tata uthini
Mlungisi: ewe nyana nikhalezise engeka lahleki kwakhona ( unofezi ubesamangalisekile yena uba uyithathaphi mali zano uyahlupheka kaloku lwandile kwaye unoxanduva lwabantwa abancinci )

Kwa lwandile

Ubecheba ingca lwandile sisanda yena ubesegadini esikha spinach bebephekelwa namhlanje zano ubebeke ngemva nangaphambili Kuba bamfuna bobabini uncame waba Doma nge panado balala wasebenza kakuhle kengoku nexesha lefoun belilincinci uqale ewashing wachola amaphepha ewatshisa ubepheka ngoku lonke elixesha unxibe ipinifa kamamakhe uthwele entloko
Lwandile: nkosazana ndikhathele ngoku ndizagqibezela ngomso phaya
Zano : kulungile daddy
Sisanda: zanokhanyo unendwendwe saphehluzelwa nguwe kangaka
Zano : hayibo mama uyamazi uzafika nge 25 Bulumko
Lwandile : ayindwebanga nalachom yakho nkosazana ozofika sesithi yhuuu chom (bahlekile wababeke amanzi wohlamba zano ubengavuyi sisanda ephumziwe , bathe bevuka ekuseni yabe iyadi icetywe yonke ubuka I yard zano ngoku ngathi ukhangela into )
Zano : mama uyayikhumbula lamali ndandithe yibeke ,isekhona
Sisanda : ewe ikhona ndingayi sebenzisa njani wandiyaleza kangaka
Zano : oky daddy uze uthenge itanki ngayi incinci lena
Lwandile: xa usitsho nkosazana (ubemjonge ngelalihlo linemibuzo qha wathula akafuna k*mbuza hleze amoshe engazi )

Kungecawe namhlanje baphuma caweni sisanda nomndeni wakhe
Mamthembu : lonto awumhle ntombi
Sisanda : ndiyabulela wethu mamthembu k*mele ndihambe ( ubekholwa bubumenemene Balo mama sisanda yilonto avele waleqa kuhamba baqale bahlangabeza Bulumko nobethetha gqitha apha endleleni uthe befika kulo zano wabe enqala frigin eyokwenza into yokutya ,uthi ananokwenzelwa yena kulo chom wakhe

22/02/2024

6

Ezibhasini
Kukho Mr no lwandile kunye no zano
Lwandile: mfundisi ndiyabulela ngoba ubekhona lapha Kuba isixhosa umntwa umzala wedwa kodwa simkhulisa sonke
Mr : Nam ndiyabulela bawo nifundise kakuhle apha ndimthembile mna umzingeli akazusidanisa .zanokhanyo bhamba apha ngumphako uwuthengelwe ngu nkosikazi
Zano : yhoo undibulele Mr andikwazanga k*mbona ndimgqibele ecaweni
Lwandile: nkosazana ngena ebhasini seyiphuma ,mtanam ungasilibali lawabobosi sihlala kuwo alinde ulungiswa nguwe
Zano: andinolibala daddy ndiyakuthembisa undigcinele lwemihla no thando bye bye ni ( utsho engena ebhasi ubethe umthandazo omncinci lwandile kanti no zano ubetha owakhe estulweni iphumile ibus lwandile no Mr bahambe isosithela bus ufike kwakhe lwandile wake wahlala kancinci emotweni yakhe naye ibimenzela ixhala into ka nkosazana wakhe ku oko ekhula zano ubehlala ngendlu nabo okanye ayomncedisa town ngoku thatha special zabantu kodwa ngoku uphumile kubo
Sisanda: lwandile kunini ndikubiza (utsho emdlikidla )
Lwandile: kuxolo mamabo bendisaphuza ngqondo (bangene enlini late bathandaza balala kungekho ukewabika elimdaka komnye )

Kwa Mlungisi

Maweni: Mlungisi kuleveki izayo kufune siwele siyekwa lwandile sizade siphuthwe bubutyebi
Mlungisi: kulungile maa nam sendicingile ndizamngena njani bafo
Luxolo: tatomdala unenkani Tata ube uphethe iqhinga elizomenza athambe
Lukhanyo: ndiqinisekile akungavumi bafo khululeka

Uthule Mlungisi ejonge onyana bakhe bebhongo ekudala wabafuna kodwa ngoku baphuma esandleni okwesepha emanzi uberhalela ubabuza uba ithini into yabo ngesikolo kulevi iphelileyo ubeke waveza umbono woba baphinde grade 12 bamxelele ezinkopheni uba asoze ,ubenethemba uba uzakutya ubutyebi ngo zanokhanyo lo azomendisa ubeqinisekile uba icebo lakhe lizaphumelela kanti akabuzanga elangeni .

Eveni kweveki nabo omlungisi begxalathelana bengena emotheni bejongise kwa lwandile bekuhamba no wele bafike lwandile ezipholele ne ntsana zakhe loxa Sisanda enza washing yena ubengaphangelanga lwandile ,bethuke bamelwa zintliziyo o maweni xabefika lwandile eteketisa icombo yakhe
Mlungisi: bafo
Lwandile: andikhumbuli ndisithi nibuye kwam
Maweni: Lwandile sithi ifamali yakho suvumela eligqwirha lisixabanise
Lwandile: hah ha andihleki nyani ketana mamabo khothathe olwemihla ningene endlini
Sisanda: oky ndininzele drink okanye iti
Mlungisi: ucingani wena
Lwandile: jonga sisanda sose uyeke hambophumla cthandwa cam (umkile nyani Sisanda nangona ebezifuna ndaba kodwa uyamhlonipha myeni wakhe Kuba naye uyahlonitshwa ufuke wancancisa abantwana bakhe wafounela zano ayabanjwa wamyeka wayoqalisa upheka )

Phandle
Lwandile: nide niphume nonke nindihambele ngantoni
Mlungisi: bafo size ngozano apha ziyaphela intsuku ebesizibekelwe kulamzi azokondela khona
Lwandile: ngoku ndingenaphi mna kulonto nini enavuma ububhanxa ngo nkosazana ingengowenu
Maweni:Lwandile sizakuzuza sonke apha xa uzanokhanyo eyokwendela phaya
Mlungisi: jonga bafo ndikunika iquantum enye xasele beyigqibile ilobola sikwabela nawe (uvele wabahleka lwandile ngokungathi bayabhibhidla unofezile nowele bebethule ngathi bayazi kaloku lwandile unephomane angabaphoxa abafanise nayoyonke into umsindo ubusemaweleni ibingase bamdibanise nodonga ,into ebebengayazi kukuba uzano useskolweni futhi bebengeke bayixelelwe kwangu lwandile ,ugqibile kupheka sisanda wabaphakela kodwa bakwandulele nangona imiqala nempumlo bezirhala ubetyela phambi kwabo lwandile ubungafunga babukele umabona kude xakuziselwa lwandile ukutya ubekuphathelwe nge trayi kukho ne glass ye juice ecaleni kukho faphu losula zandla andiyithethi eka mlungisi umbona uba uyacaphuka kodwa uzibambile uthe akugqiba kutya lwandile wathathelwa izitya ibingathi kwayena wenzela bona
Lwandile: yhoo andahlutha nkosikazi ngase ndihlambe kengoku
Sisanda : selungile amanzi nolwemihla sendibahlambile ungathatha
Lwandile: ohh nisogqiba kundibhela nina niphume kwam (utsho ebashiya apho bazincamile bangena motweni bemka abavalanga nalogate ngomsindo bafike kwamlungisi besisifu ngumsindo ingowo ngegumbi lakhe )

Kwa Mlungisi
Mlungisi: nofezile uzuke upheke ipapa nemifuno namhlanje ndirhalela yona
Nofezile: ubone okwakutya bekutyiwa ngubuti ngoku tatawowele kutheni uzandiphekisa ukutya okungena nyama
Mawenu : uzakwehlulwa yintoni apho njengoba upheka ukutya ngathi phekela izinja
Nofezile: kodwa mama kutheni nizandifanisa nonosanale njee mna

Akukhomntu uphenduleyi bamshiye lapho uzicengile wapheka lento ifunwa ngu Mlungisi kodwa ingathi kwenyulwe emagwini imifuno ibiyinto njee engajongekiyo
Mlungisi: nofezile bubuvuvu bani obu usenzele bona apha
Luxolo: eloxesha mama uthe singatyi phaya jonga ngoku bafo basithenga ntloko yehagu renkini
Maweni: nisishiyele mzukulu
Bakushiye lapho okokutya ibingase Mlungisi athi makakutye into embambileyo yintoyoba ngumama wendlalifa zakhe kodwa kuleminyaka iphelileyo ubemkhumbula sisanda [nosanele] zonke ezinto azenzela mfowabo zazinzelwa yena esidla ukutya okushushu ok*mandi noba kune soup kodwa ngoku utya nyama zonke ntsuku kodwa bekukubi kutya kukanofezile sobho ngathi nganzi wechibi

Kwa lwandile

Lwandile: hayi mamabo wandijonga uzobuza nini
Sisanda: ( ehleka) nawe uvele wathula nxaki unefunani mamazala lapha
Lwandile: okokuqala wena awunamamazala yhevha ,bazothetha nganto yoba bafuna ukwendisa nkosazana phofu bathi banecebo loba bazondinika I quantum bandabele lobola (ehleka ) abandiboni abantu base khaya andazi noba yilento mna ndizihluphekela kodwa asoze ndivumele intlupheko indehlukanise nani
Sisanda: akuba bengakufuni balwa mna Kuba ngoku bendihlala nabo bebengezi lapha bekuza mna kuphela kodwa ngoku baqhuqha bebuyelela okwezulu lasemthamtha
Lwandile: ubeke wafouna nkosazana namhlanje
Sisanda: tuu nam bendike ndamzama ayabanjwa ubethe bazaba busy uzonqaba kengoku
Lwandile: lonto bakhalezile uba busy kwesiskolo Sabo angabuyi enqinile mtanam
Sisanda:evele ebhityile wethu. Yhooo bavuka andikaoholisi namanze we t**i ( umhlekile lwandile ehlala nabantwana bakhe kuthe exeshini wavuka bek*mnyama phandle wakhupha iskwam sakhe wenza into eyaziwa nguye yedwa ehamba ekhwiva iyadi Lee yonke uthe akugqiba waphinda enlini eyolala. Ekuseni uvuke eyohlamba beyimini yepeyi into ethi kuzagcwala town uzabuya nemali ethe xaxa

Sisanda: lwandile lwandile khawuzobona hayibo mtakathixo
Lwandile: yintoni wamemeza kangaka uzavusa abantwana
Sisanda: hayi jonga kula kona kufele isikhova naphaya zide zibini mtakabawo
Lwandile: bendiyilindele ker maweni uyandilinga
Sisanda: uchaza kuthini kengoku tatazanokhanyo
Lwandile: sobuya sithethe nkosikazi kemele ndileqe town ndingaphuthwa yimali ( uthathe ezazikhova lwandile wazitshisa wagqiba wangena motweni yakhe eshiya sisanda ezipheka ezophula ngemibuzo kodwa impenduli dololo..

Musician/band

06/01/2024

5
Kwa lwandile

Ebesele ekhutshiwe sbhedlela sisanda ,impahla ithengiwe andiyithethi ke eka lwandile ubengasavuzuyi ubumbona uba wonwabile kaloku inzala yakhe yayisehliswa ngemilenze ngu mfazi wakhe wokuqala

Sisanda: tatakhe nizohlala nilibale uba k*mele niye skolweni zano hambolungisa
Lwandile : nkosazana hamba andizukwazi kushiya mamakho yedwa mtanam
Zano: kodwa daddy

Ulungise equmbe enjalo zanokhanyo khange afune nemali yo hiker uleqe eskolweni ubefuna kukhaleze abuye ezohlale nabantwana baka mama wakhe uthe efika eskolweni wabe evuyelwa abanye bebenomona I miss bezimbiza ngapha ngangapha zimpha mali ubuzwe ngu principal

Zano : sir undibizile
Principal: mzingeli ngena uhlale phantsi , siyabulela mtanam sisikolo sonke nkento osenzele yona andazi ndingabulela ndithini
Zano : ndiyabulela sir k*mele ndihambe ngoku
Principal: kulungile Ina bamba apha uthenge ncwadi ozazidinga skolweni

Umnike 300 waphuma zano udibene netitshala ye physics ingasavuyi no zano uwenzele Lula msebenzi ka Mr yinto ebebizwa ngayo ke eskolweni
Mr : mzingeli ohh uzile no khanyo ku mamakho jonga I University zikufuna ngapha nangapha
Zano : ndiyabulela Mr kodwa andikaluboni olukhanyo ndilufunela mama
Mr : ndiyazi mtanam kodwa ungazi leqi yonke into inexesha ,masihambe ndizakushiya kowenu I documents zakho sezi ready
Zano : bendizoya ngomso town no daddy ndileqe yoteketisa ngoku
Mr : ohh ude wabeleka mamakho jonga masihambe ngoku enzele uzohlala xesha elaneleyo ngomso

U Mr akukhonto ubengayazi ngo zanokhanyo kwaye ubemkhuthaza uba alandele igama lakhe , emva kwetanki kukho Anathi no sesihle bezingavelanga nango zipho ntokazi ivele yenyuka ngomzuzu ndzondo abanayo ngaku zano nangoku ahamba no Mr zano bamjongile ibingase awe nalomoto afe

Kwa Mlungisi

Maweni : nofezile baphi owele kwa c**a kutshona langa
Nofezile: andibazi mama oko bebekuseni 《kube sele kufika Mlungisi nobembi apha busweni ufike wahlala sofeni 》
Mlungisi: sebebuyile owele
Maweni ; ufika ndibuza mfazi wakho lonto kwathuleka njee ingathi bekungafundi indlalifa zakwa mzingeli

Beseku late ngoku Mlungisi ubebalindile onyana bakhe bafike sele elibele kungowo uhamba nentombi yakhe khange kubekho namnye mtwana amnakileyo ngomnye uyengendlu yakhe ,kusile Mlungisi ufike besiya wabagibisela nge statement zabo kodwa bebengoku thukanga caba bebezilindele results ezinje
Mlungisi: makwedini benisenzani skolweni xa nizobuya nalento
Lukhanyo: ndiqinisekile la sathana womtana upasile
Mlungisi : vele ungu number wam ndlela miss bezimvuyela ngayo kude kukho nalatitshala ubembelekile
Luxolo : inoba ngu Mr lo athandana naye lide lathini elacebo lakho Tata sizaphuthwa yimali ngenxa ka tatomdala

Khange ibesanakwa mntu le yoba ba failer owele sebesemalani kanti umlungisi ibimtya yena kodwa wakhetha kuthula Kuba nobutyebi uyabufuna nangona ubengazi uzakwenze njani ukuze avume mkhuluwa wakhe Kuba nobuhlobo abazange babenabo ubuhlobo besakhula

Kwa lwandile

Bebesele bebuyile town zano ubehleli no thando no lwemihla ubekhutywa kwayile ayiyela skolweni ubesele engayiva tuu ibingase ahambe nabo

Besekupheleveki othando bekhona bekuyimini ahamba ngayo zano uya skolweni kodwa ubengonwabanga tuu ezoshiya abantwana baka mama wakhe ngapha sisanda ubesoyika mtanakhe yoqala bom obutsha ubenemizo uba uzanakwa ngubani ,ubenomthandazo woba angatshintshi asoloko engumtwana

Lwandile: mamabo suzikhaza ngo nkosazana ndiyamthemba mna uyayazi ukhule njani yena uyabazi ubuhlungu obuvileyo xa uzabanje uzabangela mtwana angafundi kakuhle
Sisanda : akazi bantu phaya zano ndamvala uba angabinabahlobo ndiyazisola ngoku mhlawumbe bekuzaba ncono xa enotshomi
Zano : suzikhathaza ngam mama ndizaba ryt nam andizifuni tshomi ,daddy masihambe sizaba late bye mama ndizafouna ndiso fika
Sisanda: uhambe kakuhle mtanam ungalibali kuthandaza xa ulala

Happy new year 🎉 ✨️ bantase hope singene sonke kulonyaka umtsha ❤️❤️😍

Musician/band

19/11/2023

4

Kwa lwandile

Zano : mama daddy bek*mele sebuyile ngoku ku late
Sisanda: inoba kukho apho bambeke khona mtanam

Kwa Mlungisi

Lwandile : nindibizile nikhalezise undilindele mfazi wam
Mlungisi: mkhuluwa ndifuna sithethe ngo zanokhanyo
Lwandile; sithi utheni
Luxolo : tatomdala kukho Mali kulamzi azokondela khona zanokhanyo
Lwandile : uzibone ubudoda kwalento ubelapha ndakunyathela entanyeni mna futseki phumani apha
Maweni : asikho sdingo soshawutisa abantwana lwandile ibalulekile lento sizaba zizityebi uba ..
Lwandile: yibambe apho ntombenkulu ngubani ofuna ubutyebi nguwe okanye ndim nindibizela obubhanxa kanti zeke kwenzeke into ku zanokhanyo nizakundazi kakuhle
Mlungisi: bafo ngutanam zanokhanyo ndinelungele lok*mgqibela
Lwandile : umaze xakunini uba ngowakho
Nofezile : naku ukutya [ uhleke waphela Lwandile ejonge okukutya akunikwayo ubentloni nofezile ]
Lwandile : yemani isoup yakho inentloni ingena ngaphantsi kwe rice ,khanime ndihambe ohh phambi koba ndihambe uba uke wanomkwelo zanokhanyo wazi nezinjanana zakho zakonzakala [uphumile wahamba oko ehleka kutya kukanofezile ,kushiyeke k*muncu endlini bebemoyika Lwandile xa ethe wakhohlakala awungeke umnqande ]

Kwa Lwandile

Sisanda: tatakhe ubuphi yazi ude walala zano ekubuza
Lwandile: bendisabizwe apha khaya ndiyaxolisa ngofika late
Sisanda: akhonxaki ndikubekele manzi wohlamba
Lwandile: uyayazi ndiyakuthanda sisanda asoze ndibukele abantu bedlalela kuni niyinto yonke k*m
Sisanda: ndiyazi myeni wam ndiyakuthanda nam ngase aphumelele mtanam abengu doctor lo afuna banguye ezoza nokhanyo lwam
Lwandile: uzophumelel mamakhe mthembe soze akuphoxe yi nkosazana ka daddy leya [ubebamele lonke elixesha bathethayo zano ubuso bugcwele nyambezi ekhumbula bonke buhlungu agqithe kubo mamakhe ngenxa yoba uzele ntombazana ]
Zano : ndiyathembisa mama ndizamisela [ubesele esekamereni yakhe ngoku uthandizile walala ubemthanda zanokhanyo mamakhe noba ubengathi makamfele ubengaya ngaphandle kothandabuzo ubesithi umtyala ubombakhe

Bezibaleka nyanga umlungisi akazange aphinde amhluphe Lwandile nge nkosazana yakhe u ezihlalele kakuhle Lwandile ne family sisanda mithele ukuzala yena
Lwandile: nkosazana nantsi la chummy yakho inesidima
Zano : hayi daddy akayo chommy yam Anathi siyancokala qha
Sisanda: andimthanda lamntana zano andimfuni caleni kwakho
Zano : kulungile maa mandiye kuye ...Anathi ubekwa yintoni apha
Anathi: hayibo zanokhanyo zwulindi noba ndingene ndikuvakashele wethu
Zano : asivakashelani njee kutheni kengoku
Anathi: ndikucingile wethu masiye shop awunasithukuthezi nawena soloko hleli ngendlu
Zano : andikhalazi moss mna masambe [bahambile kuthulekile ndleleni ubelaqaza Anathi ngathi lahlekwe yinto kodwa alahlise xa ebony zano emjonga kanti umbonile zano uthe makabe ehamba ufuna kuchamba wahamba naye anathi uthe uba abekude wagoduka zano ekhaleza ufike waziphosa k*mamakhe ubenovalo

Eshop

Sesihle: hayibo Anathi wahamba wedwa uphi loo
Anathi : usachama uyeza
Omnye mfana : asiphelelanga lapha thina uphi lomntu kanti kwac**a kuphela hour
Sesihle: udlale ngawe lamtana Anathi ugodukile nxaa ubhadle okubi lamtan
Anathi : liyeza elinye xesha wena khululeka uyazi khange andingenise naseyadini [baphumile shop benomsindo benjalo kaloku bebezibale ngoba abafana bazinyanzele ku zano ngenkani mhlawumbe uzayeka phakama xabesitsho ]

Kwa Mlungisi

Mlungisi: Luxolo no lukanyo ngomso ziyaphuma results
Luxolo : Tata ngochuku kuyafana noba ndingapasa ndiya renkini nam njengo lukhanyo
Nofezile: inoba niyagula Nina kanty niyaya skolweni
Mlungisi: yintoni nafuna kundijongisa ngoku Nina niyayazi lanto ka nosanele ifuna bangu gqirha
Luxolo: ndimcaphukela kwalento uzafuna sifane nalowa uba ubesemzini ngoku ngesizimali zethu kodwa bakhetha kusincolela [uye wathula mlungisi ejonge onyana bakhe ubemane ezibuza uba yilento wayeyifuna konyana bakhe aba bangafuni kwaskolo usoloko ethetha amatyala ngenxa yabo ngapha ngunofezile uvele wabashiya apho wahlala phandle kufike nofezile esacinga nxaki zakhe
Nofezile: Tata lukhanyo lamali awukayikhuphi
Mlungisi: kuphela kwento oyaziyo leyo mfazindini oko ndilapha ndilambile akhonto uyenzayo kanti ungumfazi onjani nofezile
Nofezile: ufuna ndithini kengoku ndisapheka futhi yeka lento yocinga uzandimpangazelisa ufane no nosanele andimatjanga mna [wagqibe wamshiya apho engawuvali mlomo Mlungisi kufike maweni ]
Maweni :niyazeka mlungi ndincamile

Kwa lwandile

Zano : mama !! Mama!!
Sisanda: yintoni ekuseni apha zano
Zano : mama jonga daddy vuka ndipasile
Sisanda : halal!!usebenzile mtanam yhuu uthixo mkhulu
Lwandile : vuya mfazi ukhumbule umithi utheni ngoku wasina
Sisanda: yhoo ndizilibe noba ndimithi yini mtanam yiza ndiphuze usebenzile sisi
Lwandile : nkosazana ka daddy usebenzile ntombam uqhubeke ungasiphoxi
Zano : ndiyathembisa daddy mama jonga ndipase nge bachelor ne distinction kuzozonke subject zam
Sisanda : yima yintoni distinction uzandithuka andifundanga kaloku [ bebemfake phakathi ebhedini uthe esazacacisa zano wathetha sisanda ] lwandile kupha moto zano impahla zomtana khalezani bethuna nandijonga khanihambe [ baleqisile baya sbhedlela bathe befika wasiwa labour ward lapho afuke wabeka nkosana ilandelwa yinkosazana yesibini ,ubesehleli ewarndn ngoku bethuke lento yamawele ekubeni bekuvele umntu omnye kwi scan ]
Zano : kengoku mama wavele wabona uba landa combo BUY 1 GET 1FREE
Lwandile : sugezela mfazi wam nkosazana ,ndiyabulela mamabo ngesisipho esikhulu kangaka
Sisanda : ndiyabulela nam myeni wam kuzofuneka niyothenza ezinye mpahla kaloku besisazi umntu omnye [kungene nurse ezocela amagam oyinkwenke ngu luthando ze oyintombazana abe ngu lwemihla ibingelobhongo ku lwandile no zano Sana omnye sisi uzilibele noba funeka ayolanda statement eskolweni

Musician/band

Address

Umtata

Website

Alerts

Be the first to know and let us send you an email when Bendikade ndithanda umama yedwa posts news and promotions. Your email address will not be used for any other purpose, and you can unsubscribe at any time.

Share

Category